Elŝuti PDF-on
Reiri al la rakontolisto

Unozibele Namanwele Amathathu Nozibele kaj la tri haroj

Verkita de Tessa Welch

Ilustrita de Wiehan de Jager

Tradukita de Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa

Lingvo kosa

Nivelo 3-a nivelo

Laŭtlegi la tutan rakonton Sonregistraĵo por tiu ĉi rakonto ankoraŭ mankas.


Kudala-dala, amantombazana amathathu ahamba aya kutheza iinkuni.

Antaŭ longa tempo tri knabinoj eliris por kolekti brullignon.


Yayiyimini eshushu, ngoko ke baya ezantsi emlanjeni ukuya kuqubha. Enye yamantombaza, egama linguNozibele, yayine neklesi entle yeentsimbi emqaleni wayo. Wayeyenzelwe ngumakhulu wakhe. UNozibele wayikhulula ineklesi yakhe wayibeka ngononophelo elityeni phakathi kwenqgumba zeenkuni. Wabe sele etsibela emanzini naye.

Varmegis, do ili iris malsupren al la rivero por naĝi. Ili ludis kaj ŝprucis kaj naĝis en la akvo.


Balibala ngexesha. Ngephanyazo, baphawula ukuba kwakurhatyele. Bangxama ukubuyela elalini.

Subite ili ekkonsciis ke estas jam malfrue. Ili rapidis hejmen al la vilaĝo.


Xa bekufutshane ekhaya, uNozibele wabeka isandla sakhe entanyeni. Wayelibele ineklesi yakhe! Wathi kubahlobo bakhe, “Ncedani niphindele eliweni nam. Ndilibele ineklesi yam.” Kodwa abahlobo bakhe balandula besithi, “Asinakuhamba nawe. Kusebusuku kakhulu, oomama bethu baza kusohlwaya.” UNozibele wacenga abahlobo bakhe ukuba bajike naye, kodwa bala.

Kiam ili preskaŭ alvenis hejmen, Nozibele metis sian manon sur la kolon. Ŝia kolĉeno estis forgesita! “Mi petas, revenu kun mi!” ŝi petis siajn amikojn. Sed ŝiaj amikoj diris ke estis jam tro malfrue.


Ngoko ke, uNozibele waya yedwa emlanjeni. Wayifumana eliweni ineklesi yakhe. Wabeka iinkuni zakhe phantsi, wanxiba ineklesi yakhe, waza wachola iinkuni zakhe kwakhona. Ngoku kwakusele kumnyama. UNozibele wangxama ukuya elalini. Kodwa, walahleka ebumnyameni.

Do Nozibele reiris sola al la rivero. Ŝi trovis la kolĉenon kaj rapidis hejmen. Sed ŝi perdiĝis en la mallumo.


Ekuqgibeleni, uNozibele wabona ukukhanya kude phaya. Wangxama ukuya ekukhanyeni. Wafumana indlu. Yayiyindlu encinane. UNozibele wankqonkqoza emnyango. Nkqo nkqo nkqo!

Malproksime ŝi vidis lumon el kabano. Ŝi rapidis al ĝi kaj frapis je la pordo.


Wothuka ukubona inja ivula ucango. “Ufuna ntoni?” yabuza inja. “Ndilahlekile, yaye ndidinga indawo yokulala,” waphendula uNozibele. “Ngena,” inja yatsho. “Andizange ndibe sendlwini yenja,” waphendula uNozibele. “Ngena ngaphakathi, okanye ndiza kuluma!” yabhavuma inja. Ngoko ke, uNozibele wangena ngaphakathi.

Surprize al ŝi, hundo malfermis la pordon kaj diris, “Kion vi volas?” “Mi perdiĝas kaj bezonas lokon por dormi,” diris Nozibele. “Eniru, alie mi mordos vin!” diris la hundo. Do Nozibele eniris.


Yaza inja yathi, “Ndiphekele!” “Andizange ndaphekela izinja ukutya,” watsho ngoloyiko uNozibele. “Pheka! Okanye, ndiza kuluma!” yamsongela inja. Ngoko ke, uNozibele wayiphekela inja.

Tiam la hundo diris, “Kuiru por mi!” “Sed mi neniam kuiris por hundo antaŭe,” ŝi respondis. “Kuiru, alie mi mordos vin!” diris la hundo. Do Nozibele kuiris iom da manĝaĵo por la hundo.


Yaza inja yathi, “Ndandlalele ibhedi!” UNozibele waphendula ngelizwi elingcangcazelayo luloyiko, “Andizange ndandlalela inja ibhedi.” “Yandlala ibhedi, okanye ndiza kuluma!” Yavungama inja. Ngoko ke, uNozibele wayandlala ibhedi.

Tiam la hundo diris, “Ordigu la liton por mi!” Nozibele respondis, “Mi neniam ordigis liton por hundo.” “Ordigu la liton, alie mi mordos vin!” diris la hundo. Do Nozibele ordigis la liton.


Ngemini elandelayo, uNozibele wacinga ukuba angagoduka, kodwa inja yathi, “Yonke imihla, tshayela, upheke, kwaye undihlambele.” Ngoko ke uNozibele wahlala. Ngenye imini inja yathi, “Nozibele, namhlanje kufuneka ndindwendwele abahlobo abathile. Tshayela indlu, upheke ukutya, uze uhlambe izinto zam phambi kokuba ndifike.”

Ĉiutage ŝi devis kuiri kaj balai kaj lavi por la hundo. Tiam, iun tagon, la hundo diris, “Nozibele, hodiaŭ mi devas viziti iujn amikojn. Balau la domon, kuiru la manĝaĵon kaj lavu miajn vestaĵojn antaŭ ol mi revenos.”


Kwakamsinya yakumka inja, uNozibele waxhwitha entlokweni yakhe iinwele ezintanthu. Wabeka unwele lokuqala phantsi kwebhedi. Wabeka unwele lwesibini emva kocango. Waza wabeka unwele lwesithathu ebuhlanti. Akugqiba, wabaleka ngesikhulu isantya ukuya kowabo.

Tuj kiam la hundo foriris, Nozibele prenis tri harojn de sia kapo. Ŝi metis unu haron sub la liton, unu malantaŭ la pordon kaj unu en la ĉirkaŭbarejon. Tiam ŝi kuris hejmen laŭeble plej rapide.


Kungekudala, inja yafika endlwini yayo. Yakhangela uNozibele, kodwa ayamfumana. Yakhwaza, “Nozibele, uphi na?” “Ndilapha, phantsi kwebhedi,” lwaphendula unwele lokuqala. Inja yakhangela phantsi kwebhedi, kodwa uNozibele wayengekho apho. Yakhwaza kwakhona, “Nozibele, uphi na?” Unwele lwesibini lwaphendula, “Ndilapha, emva kocango.” Yaza ke inja yakhangela emva kocango. Kodwa uNozibele wayengekho nalapho. Inja yaba nomsindo. Yakhonkotha ngokukhwaza, “Nozibele, uphi na!” Unwele lwesithathu lwaphendula, “Ndilapha ebuhlanti!” “Yakhangela ebuhlanti inja. Kodwa do! UNozibele.”

Kiam la hundo revenis, li serĉis Nozibele. “Nozibele, kie vi estas?” li kriis. “Mi estas ĉi tie, sub la lito,” diris la unua haro. “Mi estas ĉi tie, malantaŭ la pordo,” diris la dua haro. “Mi estas ĉi tie, en la ĉirkaŭbarejo,” diris la tria haro.


Yaza ke inja yayazi ukuba uNozibele uyiqhathile. Yaba nomsindo kakhulu. Yabaleka, yabaleka, yabaleka yonke indlela eya elalini! Kodwa elalini, amadoda ayelinde neentonga zawo. Ithe inja yakuwabona amadoda, yajika yabaleka. Ayizange iphinde ibonwe ukususela ngaloo mini.

Tiam ekkonsciis la hundo ke Nozibele trompis lin. Do li kuris kaj kuris la tutan vojon al la vilaĝo. Sed la fratoj de Nozibele atendis tie kun grandaj bastonoj. La hundo turnis sin kaj forkuris, kaj poste ĝi ne revidiĝis.


Verkita de: Tessa Welch
Ilustrita de: Wiehan de Jager
Tradukita de: Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa
Lingvo: kosa
Nivelo: 3-a nivelo
Fonto: Nozibele and the three hairs el la Afrika Rakontolibro
Krea Komunaĵo Permesilo
Ĉi tiu verko estas disponebla laŭ la permesilo Krea Komunaĵo Atribuite 3.0 Tutmonda.
Opcioj
Reiri al la rakontolisto Elŝuti PDF-on